5 Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho.
6 Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu.
7 Kwathi ekupheleni kwemihla elishumi, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya.
8 Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, nabantu bonke, bathabathela komncinane, besa komkhulu.
9 Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiwise ukutarhuzisa kwenu phambi kwakhe, ukuthi,
10 Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndingànigungxuli; ndonityala, ndingàninyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.
11 Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo; musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndináni, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe.