2 ElingeYiputa, ngokusingisele kwimpi kaFaro-neko ukumkani weYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, eKarkemishe, awayixabelayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi:
3 Lungisani ingweletshetshe nekhaka, yiyani kulwa.
4 Bophani amahashe ezinqwelweni zokulwa, khwelani nina bamahashe; zimiseni ninezigcina-ntloko, khazimlisani izikhali, ninxibe iingubo zentsimbi.
5 Yini? ndibona ntoni? Baqhiphuka umbilini, babuya umva; amagorha abo aqotyiwe; basaba intsabo kanye, bangabi saphethula; kukunxunguphala ngeenxa zonke; utsho uYehova.
6 Makangasabi onamendu, lingasindi igorha; ngasentla, ngasemlanjeni ongumEfrati, bakhubeké bawa.
7 Ngubani na lo unyuka njengoMnayile, umanzi azamazama njengemilambo?
8 IYiputa iyenyuka njengoMnayile, amanzi ayo ayazamazama njengemilambo. Ithi, Ndiya kunyuka, ndiya kuwugubungela umhlaba; ndiya kuyitshabalalisa imizi nabemi bayo.