1 Ngokusingisele koonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi:USirayeli akananyana na, akanandlalifa na? Yini na ukuba ukumkani wabo amdle ilifa uGadi, abantu babo beme emizini yakhe?
2 Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuhlaba umkhosi wemfazwe kwiRabha yoonyana baka-Amon, ibe ngumwewe wenxuwa, amagxamesi ayo atshiswe ngomlilo, uSirayeli abadle ilifa ababemdle ilifa; utsho uYehova.
3 Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.
4 Ùqhayiselani na ngazo iintili? Intili yakho ichumile, ntombi iliphamba, yakholosayo ngobuncwane bayo, isithi, Ndiya kuzelwa ngubani na?
5 Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxòthwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungàbabuthayo abaphalaphalayo.