1 Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.
2 Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.
3 Yehova, amehlo akho àkajonge ekunyaniseni, yini na? Ùyababetha, abevi ntlungu; ùyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, àbavumi ukubuya.
4 Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.
5 Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphúle kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.
6 Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.