10 Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.
11 Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.
12 Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, àbuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;
13 abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.
14 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.
15 Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.
16 Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.