23 Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.
24 Àbatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.
25 Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.
26 Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.
27 Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.
28 Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala àbalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; àbaligwebi ityala lamahlwempu.
29 Ndingàveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ùngaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?