4 Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.
5 Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphúle kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.
6 Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.
7 Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.
8 Bayazíbela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.
9 Mandingàveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungàphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?
10 Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.