16 Kwakubon' ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.
17 Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.
18 Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.
19 Àkanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.
20 Wena ùsisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;
21 Ndihlekèze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;
22 ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;