58 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke.
59 Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesiné wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli.
60 UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli.
61 Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke la mazwi, uwalese.
62 Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingàmiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.
63 Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;
64 uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe.Azé ema apha amazwi kaYeremiya.