61 Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke la mazwi, uwalese.
62 Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingàmiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.
63 Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;
64 uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe.Azé ema apha amazwi kaYeremiya.