9 Bathi, Siba ngàyinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.
10 UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu.
11 Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise; ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.
12 Ziphakamiseleni ibhanile* iindonga zaseBhabheli. Qinisani ukulinda, misani abalindi, lungisani imilalela; ngokuba njengoko uYehova wankqangiyelayo, ukwenzile awakuthethayo ngabemi baseBhabheli.
13 Wena uhleliyo phezu kwamanzi amaninzi, ubuncwane bakho buninzi; kufikile ukuphela kwakho, isilinganiselo senzuzo yakho embi.
14 UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.
15 Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe.