31 Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.
32 Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yaba ngaphezu kweetrone zabanye ookumkani ababenaye eBhabheli.
33 Wazikhulula iingubo zakhe zobubanjwa; wamana ukudla isonka ebusweni bakhe yonke imihla yokuphila kwakhe.
34 Umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, wawunikwa, uvela kukumkani waseBhabheli, into yemini ngangemini yayo, kwada kwayimini yokufa kwakhe, yonke imihla yokuphila kwakhe.