15 Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;
16 ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.
17 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;
18 zingxame, ziphimisele phezu kwethu isimema; ehle iinyembezi amehlo ethu, zityityizele amanzi iinkophe zethu.
19 Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidané kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.
20 Noko ke liveni, zintokazi, ilizwi likaYehova, indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wakhe, nizifundise iintombi zenu isimema, omnye afundise ummelwane wakhe isimbonono.
21 Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.