12 Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho.
13 Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa.
14 Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo.
15 Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa. Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako.
16 Walithabatha ke uYoshuwa lonke elo zwe leentaba, nelasezantsi lonke, nelizwe laseGoshen lonke, nelezihlambo, neleArabha, neentaba zakwaSirayeli, nezihlambo zazo;
17 elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala.
18 Yaba mininzi ke imihla esenza imfazwe uYoshuwa nabo kumkani bonke.