1 Ke kaloku iqashiso lesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi.
2 Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi.
3 Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshebharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;
4 wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi.
5 Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan;
6 wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.
7 Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele.