Uyoshuwa 22:5-11 XHO75

5 Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

6 Wabasikelela uYoshuwa, wabandulula; baya ezintenteni zabo.

7 UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga. Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso.

8 Wathi kuso, Buyelani ezintenteni zenu, ninobutyebi obukhulu, ninengqwebo eninzi kunene, nesilivere, negolide, nobhedu, nesinyiti, neengubo ezininzi kunene. Yabelanani nabazalwana benu ngamaxhoba eentshaba zenu.

9 Babuya ke oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, besuka koonyana bakaSirayeli eShilo esezweni lakwaKanan, ukuba baye ezweni laseGiliyadi, ezweni lelifa labo, ababelizuzile ngokomlomo kaYehova ngesandla sikaMoses.

10 Bafika emimandleni yaseYordan, esezweni lakwaKanan.Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase bákha khona isibingelelo ngaseYordan, isibingelelo esikhulu, esibonakalayo.

11 Beva ke oonyana bakaSirayeli, kusithiwa, Yabonani, oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bakhé isibingelelo malunga nelizwe lakwaKanan, emimandleni yaseYordan, ngecala elingaphesheya koonyana bakaSirayeli.