11 U-Uriya wathi kuDavide: “Ityesi yomnqophiso kunye namadoda omkhosi akwaSirayeli nakwaJuda ahlala ezintenteni, kanti noJowabhi inkosi yam kwakunye namaphakathi akho, mhlekazi, aphaya endle, ube wena usithi mna mandigoduke nditye, ndisele, ndilale nomkam! Uhleli nje, inene, andisokuze ndiyenze into enjalo, mhlekazi.”
12 Uthe ke uDavide ku-Uriya: “Sewuhlala ke okwanamhlanje; ndiza kukukhulula uhambe ngomso.” Wahlala ke apho eJerusalem ngaloo mhla u-Uriya, nangomhla olandela lowo.
13 UDavide wammema, waza watya wasela kunye naye, wamnxilisa. Kodwa nangobo busuku akazange agoduke u-Uriya, suka yena waya kulala kwindawo yakhe ngakwizicaka zakomkhulu.
14 Kwakusasa ngengomso uDavide wabhalela uJowabhi incwadi, wayithumela kwangoUriya.
15 Udaba lwalusithi: “U-Uriya lowo uze umbeke ngaphambili emsini apho lishushu idabi, nize nihlehle, aze yena angxwelerhwe afe.”
16 Kwathi ke ekusingqingeni kwakhe isixeko uJowabhi, wambeka kwelona cala linamagorha u-Uriya.
17 Waphuma umkhosi esixekweni, walwa nokaJowabhi. Apho kwawa iqela lamajoni omkhosi kaDavide, wafela apho naye u-Uriya umHeti.