10 Abo bafana baziintanga zakhe baphendula bathi: “Abantu bathi: ‘Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena yenze ibe lula kuthi.’ Ke wena baxelele uthi: ‘Ucikicane wam ungaphezu kwesinqe sikabawo.
11 Ukuba ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndonikatsa ngemvubu.’ ”
12 Emva kweentsuku ezintathu ke uJerobhowam nabantu bonke babuyela kuRehobhowam ngokwaloo mlomo wakhe owawuthe: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.”
13 Ke ukumkani wabaphendula rhabaxa, walilahla icebiso lamadoda amakhulu,
14 wathatha elabafana, wathi: “Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu. Mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Njengoko yena ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndiza kunikatsa ngemvubu.”
15 Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela kuThixo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.
16 Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi:“Sinasabelo sini na kuDavide?Sinanxaxhebani na kunyana kaJese?Godukani, maSirayeli!Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!”Ngoko ke onke amaSirayeli agoduka.