15 Wasuka wamisela abakhe ababingeleli ukuze basebenze kwiindawo eziphakamileyo zonqulo nakwimifanekiso yebhokhwe neyethole awayeyenzile.
16 Kuzo zonke izindlu zikaSirayeli abantu ababezimisele ukulandela uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bemka nabaLevi, baya eJerusalem, ukuze banikele amadini kuNdikhoyo uThixo wooyise.
17 Bawomeleza umbuso wakwaJuda, bamxhasa uRehobhowam unyana kaSolomon iminyaka yamithathu, behamba ngeendlela ababehamba ngazo besaphila uDavide noSolomon.
18 URehobhowam wathatha uMahalati intombi yonyana kaDavide uJerimoti kunye noAbhihayili intombi yonyana kaJese uEliyabhi.
19 Wamzalela la madodana: uJewushe, uShemariya, noZahama.
20 Waphinda wathatha uMaka intombi ka-Abhasalom owazala uAbhiya, uAtayi, uZiza, noShelomiti.
21 Ke uRehobhowam wayemthanda gqitha uMahaka lo uyintombi ka-Abhasalom, kuye ebalasele kunabo bonke abafazi bakhe ndawonye namaqadi. Wayenabafazi abalishumi elinesibhozo, amaqadi wona engamashumi amathandathu. Oonyana bakhe babengamashumi amabini anesibhozo, iintombi zingamashumi amathandathu.