10 Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikezela ukuba agadwe ngabalindi ababelinda isango lasebhotwe.
11 Wayesithi ukumkani xa aya endlwini kaNdikhoyo abalindi bahambe naye bephethe loo makhaka, aze ke akumka bawabuyisele endlwini yabo.
12 Ngenxa yokuzithoba kwakhe ke uRehobhowam umsindo kaNdikhoyo wetha phezu kwakhe, akamtshabalalisa ngokupheleleyo. Ewe, kwakusekho noko okuhle kwaJuda.
13 Ke ukumkani uRehobhowam wazinza eJerusalem, waza wawuqhuba wahamba kakuhle umbuso wakhe. Ukungena kwakhe embusweni wayeneminyaka emashumi mane ananye, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esachongwayo nguNdikhoyo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, apho walimisa khona igama lakhe. Unina yayinguNama umAmonikazi.
14 Wênza okubi, kuba akazange azimisele ukumlandela ngomxhelo wakhe uNdikhoyo.
15 Ke ezinye zeziganeko zikaRehobhowam, ukususela ekuqaleni kuye kutsho esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uShemaya nencwadi yeembali zemboni uIdo, umshumayeli oyichazileyo imilibo yokuzalwa. Yaba soloko iluzenge-zenge lwemfazwe phakathi koRehobhowam noJerobhowam.
16 URehobhowam waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAbhiya.