5 Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.
6 Ngelo thuba lenzolo ke wazihlaziya wazakha izixeko ezinqatyisiweyo zelakwaJuda. UNdikhoyo ke wamthi jize ngenzolo nokuphumla, akwabakho sizwe silwa naye ngaloo minyaka.
7 Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.
8 UAsa lo ke wayenomkhosi ongamawaka angamakhulu amathathu amadoda akwaJuda axhoba ngemikhonto namakhaka amakhulu; awakwaBhenjamin wona angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo, iinto ezixhoba ngeentolo namakhaka amancinci; onke ke lawo ingoompondo-zihlanjiwe kwezemfazwe.
9 UmKushe onguZera wabahlasela enomkhosi ongamawaka-waka, enamakhulu amathathu eenqwelo. Wahamba ke wema ngeMaresha.
10 UAsa waphuma wamhlangabeza, baza ke bamisa amahlelo abo okulwa kwintili yaseZefata ngaseMaresha.
11 UAsa ke wabiza kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Ndikhoyo, akekho onjengawe omncedayo ongenamandla angabhuqwa ngonamandla. Ngoko ke sincede, Ndikhoyo, Thixo wethu. Kaloku thina sithembele ngawe; naku ke ngoku egameni lakho sijongene nalo mkhosi ungaka. Ndikhoyo, unguThixo wethu; musa ukuvumela umntu amelane nawe.”