1 Ke kaloku uMoya kaThixo wafikela uAzariya unyana kaOdede,
2 waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
3 Yaba lithuba elide amaSirayeli engenaye uThixo wokwenene, engenaye nambingeleli wakufundisa; ewe, engenawo namthetho.
4 Kuloo nkxwaleko ke abuyela kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, amfuna, aza amfumana.
5 Ngaloo mihla kwakungumngcipheko ukuhamba-hamba, kuba kaloku abemi belizwe babephithizela.