11 Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo.
12 Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke.
13 Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi.
14 Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo.
15 Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.
16 Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
17 Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.