13 Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi.
14 Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo.
15 Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.
16 Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
17 Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.
18 Wayizisa endlwini kaThixo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.
19 Akuphindanga kubekho mfazwe, yada yangunyaka wamashumi amathathu anantlanu wolawulo luka-Asa.