8 Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.