1 Ke kaloku kwathi kunyaka wamashumi amathathu anantandathu wolawulo luka-Asa kwanyuka uBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, weza kuhlasela uJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.
2 Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayikoovimba bendlu *kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, waza wayithumela kuBhenadadi ukumkani wama-Aram owayelawula eDamasko.
3 Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”
4 UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe, zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, bayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-mayim, nazo zonke izixeko ezingoovimba zakwaNafetali.
5 Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wawushiya loo msebenzi.
6 Ke ukumkani uAsa weza nawo onke amadoda akwaJuda, baza bawafudusa eRama amatye kunye nemithi eyayisetyenziswa khona nguBhayesha. Ngezo zinto ke wakha iGebha neMizpa.
7 Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho.