10 Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.
11 Ke kaloku iziganeko zolawulo luka-Asa, ukusuka ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo zibhalwe encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.
12 Ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wolawulo lwakhe uAsa wangenelwa sisifo seenyawo. Nangona wayebambekile, naxa yayingasekuko, akazange afune uncedo kuNdikhoyo, koko wabhenela kumagqirha.
13 Ke kaloku kunyaka wamashumi amane ananye wasweleka uAsa, waya kuphumla kooyise.
14 Wangcwatywa kwingcwaba awayezenzele lona kwisixeko sikaDavide. Umzimba wakhe bawusebenza ngobulawu, loo nto beyenza ngobugcisa, bamqhola ngeendidi ngeendidi zeziqholo; baza ke bamzilela ngomlilo omkhulu.