7 “Ngoko ke nceda undithumele indoda elichule ngokusebenza ngegolide nesiliva, ubhedu nentsimbi; ichule kumalaphu amsobo, amfusa, naluhlaza; nditsho ingcali yokukrola; ukuze isebenze kwaJuda naseJerusalem ikunye nezam iingcali, ezo zafunwa ngubawo uDavide.
8 “Kananjalo ndithumele izikhuni zomsedare, ipayini, nom-algumi, kuloo mahlathi aseLebhanon. Kaloku ndiyazi ukuba amadoda akho ziingcali ekugawuleni imithi apho eLebhanon. Amadoda am osebenzisana nawakho,
9 andilungiselele intaphane yemithi, kuba le ndlu ndiza kuyakha kufuneka ibe nkulu, ibe yinzwakazi.
10 Izicaka zakho ezigawula imithi ndozinika amawaka amabini eetoni zengqolowa, namawaka amabini eetoni zerhasi, kunye namakhulu amane amawaka eelitha zewayini, namakhulu amane amawaka eelitha zamafutha omnquma.”
11 Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”
12 Waqhuba uHiram wathi: “Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, umenzi wamazulu nehlabathi! Ukumkani uDavide umphe unyana osisilumko, othiwe jize ngengqiqo neliso elibukhali, yena oza kwakhela uNdikhoyo indlu, naye azakhele ibhotwe.
13 “Ngoko ke ndikuthumelela uHuram-abhi, indoda elichule kunene.