9 andilungiselele intaphane yemithi, kuba le ndlu ndiza kuyakha kufuneka ibe nkulu, ibe yinzwakazi.
10 Izicaka zakho ezigawula imithi ndozinika amawaka amabini eetoni zengqolowa, namawaka amabini eetoni zerhasi, kunye namakhulu amane amawaka eelitha zewayini, namakhulu amane amawaka eelitha zamafutha omnquma.”
11 Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”
12 Waqhuba uHiram wathi: “Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, umenzi wamazulu nehlabathi! Ukumkani uDavide umphe unyana osisilumko, othiwe jize ngengqiqo neliso elibukhali, yena oza kwakhela uNdikhoyo indlu, naye azakhele ibhotwe.
13 “Ngoko ke ndikuthumelela uHuram-abhi, indoda elichule kunene.
14 Unina ngowakwaDan, uyise ngumTire. Uqeqeshelwe ukusebenza ngegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, ilitye, nomthi, kanti nangamalaphu elinen amsobo, aluhlaza, namfusa, nditsho nacikizekileyo. Unamava kuwo wonke umsebenzi wokukrola; akukho plani imxakayo. Ke uya kusebenza naloo machule akho kunye nalawo omhlekazi uDavide uyihlo.
15 “Ngoko ke umhlekazi makathumelele izicaka zakhe ingqolowa abethethe ngayo, kunye nerhasi, namafutha omnquma, newayini.