10 “Ngoko ke ngoku nanga ama-Amon, amaMowabhi nâbo bentaba iSeyire, ummandla lowo wena ungavumanga ukuba awuhlasele uSirayeli ukuphuma kwakhe eJiputa, waza ke uSirayeli wabacezela akabatshabalalisa.
11 Khawubone ke indlela abasibuyekeza ngayo ngokuza kusigxotha kwisabelo owasinika ukuze sibe lilifa lethu.
12 Thixo wethu, khawubohlwaye. Thina ngokunokwethu asinawo amandla okujongana nale nyambalala yomkhosi osihlaselayo. Ewe, asazi nemasikwenze, koko amehlo ethu akhangele kuwe.”
13 Onke amadoda akwaJuda, nabafazi, nabantwana, neentsana, bema phambi koNdikhoyo.
14 Ke uMoya kaNdikhoyo wafikela uYaziyeli unyana kaZakariya, kaBhenaya, kaYehiyeli, kaMataniya umLevi oyinzala ka-Asafu, emi njalo apho ebandleni.
15 Wathi: “Phulaphulani, kumkani uYoshafati nani bemi bakwaJuda naseJerusalem. UNdikhoyo uthi kuni: ‘Sanukoyika; ze ningatyhafi ngenxa yale nyambalala yomkhosi. Kaloku imfazwe le asiyoyenu, yekaThixo.
16 Ngomso phumani niye kubo. Ke bona boba beqabela kwinkalo yaseZizi; nina nobafumana ekupheleni kwengxingwa kwintlango kaJeruweli.