23 Kaloku ama-Amon namaMowabhi asuka avukelana namadoda entaba iSeyire, awangenela awatshabalalisa. Akuba ewagwintile amadoda aseSeyire, ajika abulalana kwaodwa.
24 Athe ke amaJuda akufika kwindawo evelele intlango leyo, akuwujonga loo mkhosi mkhulu kunene, kuphela abona izidumbu zithe gangalala emhlabeni, kungekho nomnye osindileyo.
25 Ngoko ke uYoshafati namadoda akhe basuka bachola-chola amaxhoba: impahla eyayikwezo zidumbu, nezinye izinto ezixabisekileyo – intabalala ababengenako ukuyiphatha yonke. Amaxhoba lawo ayemaninzi kangangokuba bathatha iintsuku ezintathu ukuwaqokelela.
26 Ngosuku lwesine ke bahlanganisana kwintili yeBheraka, baza ke apho bamdumisa uNdikhoyo. Kungoko ke loo ndawo kwathiwa yintili yeBheraka unanamhlanje.
27 AbakwaJuda naseJerusalem ke bonke bakhokelwa nguYoshafati, bajika bevuya baya eJerusalem. Kaloku uNdikhoyo wabatsho banemincili bavuya phezu kweentshaba zabo.
28 EJerusalem bangena bajonga endlwini kaNdikhoyo bekhalisa iihapu, imirhubhe, namaxilongo.
29 Ithe ke yakuvakala imbali yokulwa kukaNdikhoyo neentshaba zikaSirayeli, suka zonke izizwe nezikumkani zamoyika zamhlonela uThixo.