1 Abantu baseJerusalem bamisela uAhaziya unyana wamaphelo kaYehoram wangukumkani esikhundleni sakhe. Kaloku abahlaseli ababekunye nama-Arabhu bababulala bonke oonyana bakhe abadala. Ngoko ke waqalisa ukulawula uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda.
2 UAhaziya waqalisa ukulawula xa eneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri.
3 Naye ke wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, ekubeni wayekhuthazwa ngunina ekwenzeni ububi.
4 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe.