11 U-Uziya wayenomkhosi oqeqeshiweyo, ohleli uchophele ukuphuma ngamabutho ngokwezigaba zawo. Wawusesandleni sikaYehiyeli unobhala kunye noMaseya igosa ababephantsi koHananiya elinye lamaphakathi asebhotwe.
12 Inani leenkokheli zamabutho amiselwe ngokweziduko lalingamawaka amabini namakhulu amathandathu.
13 Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe.
14 Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi.
15 EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.
16 Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.
17 Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye.