2 Yeziganeko 26:13-19 XHO96

13 Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe.

14 Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi.

15 EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.

16 Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.

17 Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye.

18 Bamxelelisa ukumkani u-Uziya bathi: “Asikokwakho, Uziya, ukuba wena wenzele uNdikhoyo isiqhumiso. Lowo ngumsebenzi wababingeleli, isizukulwana sika-Aron, abantu abakhutshelwa bucala ukuze batshise isiqhumiso. Ngoko ke phuma apha kwindawo engcwele, kuba le nto uyenzileyo kukunganyaniseki, yaye ke uNdikhoyo uThixo akasayi kukuxabisa.”

19 U-Uziya wayephethe umcephe ngesandla, selelungele ukwenza isiqhumiso. Ke kaloku wasuka wacaphuka. Uthe ke esavutha njalo umsindo kubo ababingeleli abo apho phambi kweqonga endlwini kaNdikhoyo, suka iqhenqa lee tyaba ebunzini lakhe.