21 Beza neenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, nesixhenxe seenkunzi zeegusha, namaxhwane eegusha asixhenxe angamaduna, kunye naweebhokhwe ekwasixhenxe ekwangamaduna, zinto ezo benza ngazo idini lesono, besenzela umbuso wonke nendawo engcwele noJuda ngokwakhe. Ke ukumkani wayalela ababingeleli, inzala ka-Aron, ukuba ezo zinto bazenze idini eqongeni likaNdikhoyo.