9 Ngenxa yale nto ke oobawo babulawa ngekrele, bona oonyana neentombi nabafazi bethu basiwa ekuthinjweni.
10 Ngoku ndizimisele ukwenza umnqophiso noNdikhoyo uThixo kaSirayeli, khon' ukuze ithothe ingqumbo yakhe ngakuthi.
11 Bonyana, ngoku musani ukuba ngabangakhathaliyo; kaloku uNdikhoyo uninyulile ukuze nime phambi kwakhe, nimsebenzele, nimlungiselele, nenze iziqhumiso.”
12 Aba baLevi ke bangena emsebenzini:kumaKohati: uMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya;kumaMerari: uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaJehaleli;kumaGershon: uJowa unyana kaZima, noEden unyana kaJowa;
13 kwinzala kaElizafan: uShimri noJewuyeli;kwinzala ka-Asafu: uZakariya noMataniya;
14 kwinzala kaHeman: uJewuyeli noShimeyi;kwinzala kaJedutun: uShemaya noUziyeli.
15 Bakuba bewaqokelele amawabo bazihlambulula, baya kuhlambulula nendlu kaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani efezekisa ilizwi likaNdikhoyo.