24 Ukumkani wakwaJuda uHezekiya wakhuphela elo bandla iwaka leenkunzi zeenkomo, nesixhenxe samawaka eegusha neebhokhwe; kanti ke amaphakathi wona anikezela ngewaka leenkunzi zeenkomo, neshumi lamawaka eegusha neebhokhwe. Ababingeleli abaninzi nabo bazihlambulula.
25 Laba nemihlali lonke ibandla lakwaJuda, ndawonye nababingeleli nabaLevi nabo bonke ababephuma kwaSirayeli, kwakunye neentlanga ezaziphuma kwaSirayeli nezazimi kwelakwaJuda.
26 Yayilulonwabo nemincili eJerusalem. Kaloku ukusukela kwimihla kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, lalingazange libe khona eli theko eJerusalem.
27 Ababingeleli nabaLevi bema ngeenyawo babathamsanqelisa abantu, waza ke uThixo wabeva. Kaloku umthandazo wabo waya kufikelela ekhayeni lakhe elilodwa ezulwini.