3 Babengabanga nako ukuyibhiyozela ngexesha layo, kuba babenganelanga ababingeleli abazihlambululayo, nabantu babengaqokelelananga eJerusalem.
4 Eli cebo ke labonakala lilungile kukumkani nakwibandla liphela.
5 Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.
6 Ukumkani ekunye namaphakathi akhe bathuma izigidimi zatyhutyha uSirayeli noJuda ziphethe iileta ezazifundeka ngolu hlobo:“MaSirayeli, buyelani kuNdikhoyo uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, ukuze naye abuyele kuni nina basaseleyo, basindileyo kwisandla sookumkani baseAsiriya!
7 Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.
8 Yahlukanani neenkani; sanukuzifanisa nooyihlo, koko zinikezeleni kuNdikhoyo. Yizani kule ndawo ingcwele, le iya kuhlala ibekelwe bucala ngonaphakade nguye. Mbuseni uNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze umsindo wakhe usuke phezu kwenu.
9 Ukuba nibuyele kuNdikhoyo, abantakwenu nabantwana benu baya kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo, baze ke babuyele kweli lizwe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.”