6 Abantu bakwaSirayeli nakwaJuda ababehlala kwiidolophu zakwaJuda bezisa nezishumi zeenkomo nezeegusha ndawonye nesishumi sezinto ezingcwele bazinikela kuNdikhoyo uThixo wabo; ewe, bazigalela zaziingqumba.
7 Le nto ke bayiqala ngenyanga yesithathu, baza bayigqiba kwinyanga yesixhenxe.
8 UHezekiya enamaphakathi akhe wathi akuzibona ezo ngqumba wamdumisa uNdikhoyo, wabathamsanqelisa abantu bakhe amaSirayeli.
9 UHezekiya wathetha nababingeleli nabaLevi ngezo ngqumba,
10 waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”
11 UHezekiya wayalela ukuba kulungiswe oovimba endlwini kaNdikhoyo; yenziwa ke loo nto.
12 Beza nayo ngenyameko ke yonke imirhumo leyo – izishumi neminikelo. Owayevelele lo msebenzi yayinguKonaniya umLevi encediswa ngumntakwabo uShimeyi.