9 Kamva ke xa uSenakeribhe ukumkani waseAsiriya nomkhosi wakhe uphela babengqinge iLakishe, wathumela amagosa akhe nalo myalezo, ewubhekisa kuHezekiya ukumkani wakwaJuda kunye nabo bonke abantu bakwaJuda ababeseJerusalem, esithi:
10 “Ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe uthi: Khanitsho, niqamele ngani, ukuze nihlale ngaphakathi kweJerusalem engqingiweyo nje?
11 UHezekiya lo uthi: ‘UNdikhoyo uThixo wethu uza kusihlangula esandleni sokumkani weAsiriya,’ uyanilahlekisa, ufuna nibulawe yindlala nalunxano.
12 Andithi kaloku uHezekiya ngokwakhe uzidilizile iindawo eziphakamileyo zonqulo kwakunye namaqonga, esithi kuJuda neJerusalem: ‘Nqulani kwiqonga elinye, nitshise namadini kwakulo’?
13 “Ngaba anizazi na izinto ezenziwa ngoobawo kunye nam lo kubantu bonke bezinye izizwe? Baba nako yini na oothixo bezo zizwe ukuhlangula umhlobo wabo esandleni sam?
14 Kwizizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo, nguwuphi koothixo bazo owaba nako ukuhlangula abantu bazo kum? Uza kunihlangula njani lo Thixo wenu esandleni sam?
15 Hayi bo! Musani ukumyeka uHezekiya anikhohlise anilahlekise kangaka. Musani ukukholwa yinto ayithethayo, kuba akukho thixo nakusiphi na isizwe nombuso oselekhe wanako ukuhlangula abantu esandleni sam, nakweso soobawo. Wobeka phi ke lo Thixo wenu ukungabi nako ukunihlangula esandleni sam?”