1 UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu.
2 Wenza okukubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhuba emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
3 Iindawo eziphakamileyo zonqulo ezazidilizwe nguyise uHezekiya yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela ooBhali amaqonga, wenza neentsika zika-Ashera. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi, ezinqula.
4 Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Igama lam ndolimisa eJerusalem ngonaphakade.”