4 Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Igama lam ndolimisa eJerusalem ngonaphakade.”
5 Kuzo zombini iinkundla zendlu kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.
6 Oonyana bakhe ncam wabafaka emlilweni, esenza idini ngabo kwintili kaBhen-hinom. Wayethe phithi yimilingo, ukuvumisa, nobugqwirha, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni kaNdikhoyo, emqumbisa.
7 Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawufaka endlwini kaThixo; ukanti ke uThixo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.
8 Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, ayithobela yonke imithetho nemimiselo kwanemiqathango endayikhupha ngoMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”
9 Kambe ke yena uManase wamlahlekisa uJuda nabantu baseJerusalem, ngangokuba bade babalasele ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
10 UNdikhoyo wathetha noManase nabantu bakhe, kodwa zange bakhathale.