7 Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawufaka endlwini kaThixo; ukanti ke uThixo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.
8 Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, ayithobela yonke imithetho nemimiselo kwanemiqathango endayikhupha ngoMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”
9 Kambe ke yena uManase wamlahlekisa uJuda nabantu baseJerusalem, ngangokuba bade babalasele ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
10 UNdikhoyo wathetha noManase nabantu bakhe, kodwa zange bakhathale.
11 Ngoko ke uNdikhoyo wabazisela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wokumkani waseAsiriya, owafika wamthimba uManase walibanjwa, wamqhoga impumlo, wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli.
12 Kuloo nkxwaleko ke uManase wazicengezela kuNdikhoyo uThixo wakhe, wazithoba warhuqa phantsi phambi koThixo wooyise.
13 Akuthandaza ke, uNdikhoyo wachukumiseka sisikhungo sakhe, wakuphulaphula ukuzibika kwakhe; ngoko ke wambuyisela embusweni wakhe eJerusalem. Watsho waqonda ke uManase ukuba uNdikhoyo nguThixo.