1 UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye.
2 Ke yena wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.
3 Kunyaka wesibhozo elawula, nakuba wayeselula, waqalisa ukufunana noThixo kayise-mkhulu uDavide. Kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuzitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaJuda naseJerusalem, wazisusa neentsika zika-Ashera kunye nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
4 Wayalela ukuba achithwe namaqonga kaBhali, kunye nalawo eziqhumiso ayephezu kwawo; wazintlekeza iintsika zika-Ashera, kwanemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo. Ezi zinto wazikroboza waza wazisarhaza emangcwabeni abo babezinqula.
5 Amathambo ababingeleli baloo maqonga wawatshisela phezu kwawo; ngaloo ndlela ke wamhlambulula uJuda neJerusalem.
6 Kwiidolophu zakwaManase, kwaEfrayim, kwaSimon, de kuthi xhaxhe ngoNafetali, nakumabhodlo ajikelezileyo,
7 wawachitha amaqonga, wazisusa neentsika zika-Ashera, imifanekiso wayicola yangumgubo, onke amaqonga eziqhumiso wawadiliza kwaSirayeli ephela. Waza ke wabuyela eJerusalem.