18 Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem.
19 Le Pasika ke yabhiyozelwa kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya.
20 Ke kaloku emva kokuba uJosiya eyilungisile indlu kaThixo, uNeko ukumkani waseJiputa wenyuka waya kuhlasela iKarkemishe kumlambo iEfrati. Ke uJosiya wamhlangabeza.
21 Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”
22 Kodwa ke uJosiya zange ajike, koko wazenza mntu wumbi, wangena edabini. Ewe, zange ayiphulaphule into eyayithethwa kuye nguNeko owayeyalelwe nguThixo – wafunzela kuye, walwa naye kumathafa aseMegido.
23 Abatoli bamchana ukumkani uJosiya edabini apho, waza ke yena wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Ndikhupheni; bandingxwelerhile.”
24 Bamkhupha ke kuloo nqwelo yakhe, bamfaka kwenye, baza bamsa eJerusalem, apho wafela khona. Wangcwatywa phakathi kwamangcwaba ooyise, waza ke wonke uJuda neJerusalem bamzilela.