21 Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”
22 Kodwa ke uJosiya zange ajike, koko wazenza mntu wumbi, wangena edabini. Ewe, zange ayiphulaphule into eyayithethwa kuye nguNeko owayeyalelwe nguThixo – wafunzela kuye, walwa naye kumathafa aseMegido.
23 Abatoli bamchana ukumkani uJosiya edabini apho, waza ke yena wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Ndikhupheni; bandingxwelerhile.”
24 Bamkhupha ke kuloo nqwelo yakhe, bamfaka kwenye, baza bamsa eJerusalem, apho wafela khona. Wangcwatywa phakathi kwamangcwaba ooyise, waza ke wonke uJuda neJerusalem bamzilela.
25 Ke kaloku uJeremiya waqamba izililo ngoJosiya. Unanamhla ke zonke iimvumi, amadoda nabafazi, bahlabela ezo zililo xa bekhumbula uJosiya. Zona ke zada zasisithethe kwaSirayeli, zabhalwa kwiNcwadi yesiJwili.
26 Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, kwanemisebenzi yakhe yokuzinikezela njengoko kubhaliweyo encwadini yomthetho kaNdikhoyo,
27 nazo zonke iziganeko zolawulo lwakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.