1 Ke abantu belizwe bathatha unyana kaJosiya, uYowahazi bammisela esikhundleni sikayise, wangukumkani eJerusalem.
2 UYowahazi wangena ekulawuleni eneminyaka emashumi mabini anantathu, waza ke wangukumkani eJerusalem iinyanga ezintathu.
3 Ukumkani waseJiputa wamkhiqa eJerusalem, waza uJuda wamrhafisa isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye negolide ebunzima buziikhilogram ezingamashumi amathathu anamakhulu amane.
4 Ukumkani waseJiputa lowo wamisela umntakwabo-Yowahazi uEliyakim wangukumkani wakwaJuda naseJerusalem, waza waliguqula igama likaEliyakim wathi nguJoyakim. Ke yena umntakwabo uYowahazi wamthimba wamsa eJiputa.
5 UJoyakim waqala ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.
6 Ke kaloku uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wamhlasela, waza wamthimba wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli.