16 Kodwa ke bona basuka baphoxisa ngazo izithunywa zakhe, bawadelela amazwi akhe, bebagxeka abashumayeli bakhe; yada ke ingqumbo kaNdikhoyo yavuseleleka mayela nabantu bakhe, ayabi sanqandeka.
17 Wabaxhokonxela ukumkani wamaKaledi, owababulalayo abafana babo ngekrele, ebabulalela endaweni engcwele; ewe, akasindisanga mfana nantombi, ndoda naxhego. Xa bebonke uThixo wabanikezela esandleni sokumkani wamaKaledi.
18 Yena ke wazithatha zonke izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo waya nazo eBhabheli – konke nje, ezincinci kwanezinkulu ndawonye nobutyebi bendlu kaNdikhoyo, nobukakumkani, nobamaphakathi.
19 Indlu kaThixo bayintumeka umlilo, baludiliza udonga lweJerusalem, baza bazitshisa nezixeko, batshabalalisa yonke into exabisekileyo khona.
20 Ke amasalela abhungcayo kwikrele wawathimba wawasa eBhabheli, aba zizicaka zakhe nezoonyana bakhe, wada ke wathwasa umbuso wasePeshiya.
21 Ngale ndlela ke azaliseka amazwi kaNdikhoyo awathethwa nguJeremiya, laza ilizwe laxhamla iminyaka yalo yokuphumla. Ewe, lonke elo xesha lalingamiwanga ilizwe beliphumla, nditsho iminyaka emashumi asixhenxe.
22 Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa: