3 Ukumkani waseJiputa wamkhiqa eJerusalem, waza uJuda wamrhafisa isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye negolide ebunzima buziikhilogram ezingamashumi amathathu anamakhulu amane.
4 Ukumkani waseJiputa lowo wamisela umntakwabo-Yowahazi uEliyakim wangukumkani wakwaJuda naseJerusalem, waza waliguqula igama likaEliyakim wathi nguJoyakim. Ke yena umntakwabo uYowahazi wamthimba wamsa eJiputa.
5 UJoyakim waqala ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.
6 Ke kaloku uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wamhlasela, waza wamthimba wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli.
7 Kananjalo uNebhukadenezare wathatha inxenye yezitya zendlu kaNdikhoyo waya kuzibeka endlwini yothixo wakhe eBhabheli.
8 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, nezinto ezimanyumnyezi awazenzayo, nako konke okwakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. UJoyakin unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
9 UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu ezineshumi leentsuku. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.