7 USolomon wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, wanikela namanqatha angumnikelo wobudlelwane. Kaloku iqonga lobhedu awayelenzile lalingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, namadini enziwa ngamanqatha.
8 Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa.
9 Ngosuku lwesibhozo benza intlanganiso. Kaloku itheko lokunikezela iqonga lathatha iintsuku ezisixhenxe, kananjalo nombhiyozo waziintsuku ezisixhenxe.
10 Ke ngosuku lwamashumi amabini anantathu kwinyanga yesixhenxe wawandulula agoduka amaSirayeli onwabile enemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzele uDavide noSolomon kunye nabantu bakhe amaSirayeli.
11 Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe,
12 suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi:“Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini.
13 “Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam,